Ukuvuka Kwam Ekufeni

R220,00

NgoLwesithathu, umhla wokuqala kuOktobha 2003, ityendyana lomfana elalinxibe ibhatyana eluhlaza enkone ligazi lalilele kufutshane nebhulorho kaloliwe eGermiston, lisifa. Igazi lalo lalinkcenkceza ngokomjelo ukunqumla indlela, amathemba ephelile. Umzimba wawudlaka-dlaka ziimbumbulu – iimbumbulu ezintlanu umdubuli awazikhulula ekufutshane kakhulu kuye. Zazibumkarha iingqondo ngexesha lizama ukumisa izithuthi ezidlulayo, kodwa zange kubekho nasinye esaba nenceba. Zazidlula zonke zizizipheke-pheke, zimshiya loo mfana esopha enjalo. NdinguThembelani Ngenelwa. Yayindim lowo. Eli libali lokwenzekayo.

Authors

Language

Publisher

ISBN

9780795703645

Number Of Pages

144

File Size

0.56 mb

Format

EPUB

Edition

1

Published

01-04-2012